IsiXhosa
ISIXHOSA
Senza uthetha thethwano lwamahala ukuqonda ukuba likhona ibango elibambekayo. Oku kukuqinisekisa ukuba ukhuselekile akukho ndleko ezinganyanzelekanga. Awubhatali ndleko xa ungaphumelelanga apho kufanelekileyo – Injongo yethu kukuba sikukhokelele ngokusemthethweni. Ukuba asiyifezekisanga lonjongo akhonto uyihlawulayo.
IBANGO LIKARAF
Sinomlando hayi nje ngokugqwesa , kodwa uqinisekisa ukuba umxhasi wethu ufumana imbuyekezo eyiyo. Siphethe amatyala amaninzi ngempumelelo kwaye siyazi ukuba kubakhona ubunzima ukusebenzisana neRAF. Ukufumana igqwetha elisebenza ngengozi ngumahluko phakathi kwembuyekezo kumonakalo ukufumana kancinci okanye ungafumani kwanto. Ingozi yemoto okanye isithuthuthu lishwangushe elingenzeka noba kukanye ebomini bomntu lonto ingakhokela kumonakalo nokwenzakala kakhulu ukukhubazeka okanye ukufa.
WENZA NJANI XA KUKHO INGOZI?
- Bhala umhla , ixesha kunye nendawo eyenzeke kuyo ingozi
- Amagama nenkcukacha zomqhubi moto okholelwa ukuba nguye umenzi wengozi
- Bhala amagama nenkcukacha zamangqina abonileyo
- Dibana nogqirha okanye isebhedlele uzokufumana uvavanyo olululo
- Qhagamsehlana negqwetha lengozi. Ukukhawuleza udibana negqwetha kubeka ibango lakho kwizinga elingcono
YINTONI IRAF?
IRAF yingxowa mali esekelwe phantsi kweRAF. Ixhaswe yimali yerhafu edibanisa nexabiso lwamafutha emoto eMzantsi Afrika. Oku kwaziwa njengoviko lwamafutha emoto. Wonke umntu othenga amafutha emoto ubhatala uchatha eleke mlinganiselo wamafutha. Olu viko luya kwaRAF.
Zonke izithuthi ngokuzenzekelayo zikhuselwe yiRAF. Kodwa uxanduva likaRAF lujongana nokwenzakala ngokomzimba kubaqhubi moto nakubakhweli ,kwezinye imeko nabahambi ngenyawo. Kunjalo nje akabinaxanduva ngomonakalo wemoto nezinye izithuthi.
NGUBANI ONGAFAKA IBANGO KWARAF?
- Abaqhubi
- Abahambi ngenyawo
- Abakhweli zithuthi
- Abakhweli zibhayisekile/izithuthuthu
- Abaxhomekeke kumfi ebaphangelela
UNGALUFAKA NINI IBANGO KWARAF
Ungalufaka kwiminyaka emithathu ukususela kumhla eyenzeke ngayo ingozi.
Ungalufaka ukuba:
- Ingozi le wonzakele kuyo ayinguwe unobangela
- Wenzakele ngenxa yolongquzulwano
Ukwaleka kwibango likRAF intlungu nokungcungcutheka , uxinizeleko emphefumlweni , ukulahlekelwa yingeniso nendleko zonyango zikwancedisa kwibango labenzi bobubi okanye inkampani yomsholensi kukugcungcutheka ukulahlekelwa yingeniso ngenxa yomonakalo wemoto yakho.
Sitsalele ngomxeba ukuze udibane negqwetha lengozi mahala lakwaSimpsons.
UNYANGO OLUNGENANKATHALO